11 Asuka indulumbane amaSirayeli, ephuma eMizpa, awaleqa kujub' ugodo ukuya ngaseBhete-kare.
12 Emva koko uthathe ilitye lalinye uSamweli, walimisa phakathi kweMispa neShen, wathi igama laloo ndawo yiEbhenezere, esithi: “Kude kwakalokunje uNdikhoyo esinceda.”
13 Kwaba njalo ke ukoyiswa kwamaFilistiya, ayeka ukuhlasela ummandla kaSirayeli. Ngalo lonke ixesha esaphila uSamweli isandla sikaNdikhoyo sasiwachasile amaFilistiya.
14 Azibuyisela kwaSirayeli zonke izixeko ezaziphakathi kwe-Ekron neGati, ezo ayezithimbile amaFilistiya. Waba ke wonke ummandla kaSirayeli uyakhululeka kumaFilistiya. Kwabakho uxolo, nditsho naphakathi kwamaSirayeli nama-Amori.
15 USamweli waba yinkokheli yamaSirayeli bonke ubomi bakhe.
16 Minyaka le wayedla ngokwenza umjikelo, aye eBhetele, eGiligali, naseMizpa, afike apho alamle iimbambano zabantu.
17 Ukusuka apho wayegoduka aye eRama, apho wayefika alamle nakhona. Apho eRama kulapho wakha iqonga lokwenzela uNdikhoyo amadini.