14 Azibuyisela kwaSirayeli zonke izixeko ezaziphakathi kwe-Ekron neGati, ezo ayezithimbile amaFilistiya. Waba ke wonke ummandla kaSirayeli uyakhululeka kumaFilistiya. Kwabakho uxolo, nditsho naphakathi kwamaSirayeli nama-Amori.
15 USamweli waba yinkokheli yamaSirayeli bonke ubomi bakhe.
16 Minyaka le wayedla ngokwenza umjikelo, aye eBhetele, eGiligali, naseMizpa, afike apho alamle iimbambano zabantu.
17 Ukusuka apho wayegoduka aye eRama, apho wayefika alamle nakhona. Apho eRama kulapho wakha iqonga lokwenzela uNdikhoyo amadini.