8 athi kuSamweli: “Uze ungayeki ukusitarhuzela kuNdikhoyo uThixo wethu, khon' ukuze asihlangule kumaFilistiya.”
9 USamweli wathatha itakane, wenzela uNdikhoyo ngalo idini elitshiswayo lilonke. Wacelela amaSirayeli uncedo kuNdikhoyo, weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.
10 Kanye xa uSamweli wayesenza elo dini, asondela amaFilistiya, elungiselela ukuhlasela amaSirayeli. Kuthe kanye ngoko kwavakala ukuzongoma kukaNdikhoyo, kusiza ngakumaFilistiya, atsho adideka, awabaleka amaSirayeli.
11 Asuka indulumbane amaSirayeli, ephuma eMizpa, awaleqa kujub' ugodo ukuya ngaseBhete-kare.
12 Emva koko uthathe ilitye lalinye uSamweli, walimisa phakathi kweMispa neShen, wathi igama laloo ndawo yiEbhenezere, esithi: “Kude kwakalokunje uNdikhoyo esinceda.”
13 Kwaba njalo ke ukoyiswa kwamaFilistiya, ayeka ukuhlasela ummandla kaSirayeli. Ngalo lonke ixesha esaphila uSamweli isandla sikaNdikhoyo sasiwachasile amaFilistiya.
14 Azibuyisela kwaSirayeli zonke izixeko ezaziphakathi kwe-Ekron neGati, ezo ayezithimbile amaFilistiya. Waba ke wonke ummandla kaSirayeli uyakhululeka kumaFilistiya. Kwabakho uxolo, nditsho naphakathi kwamaSirayeli nama-Amori.