5 Wathi uDavide kuloo mfana wayemzisela ezi ndaba: “Wazi ngantoni ukuba uSawule nonyana wakhe uJonatan bafile?”
6 Umfana lowo waphendula wathi: “Kwathi ndilapho entabeni iGilibhowa ndabona ukuba uSawule wayexhathise ngomkhonto, seleza kufunyanwa ziinqwelo nabakhweli-mahashe abamsukelayo.
7 Wathi akukhangela ngasemva wandibona, wandibiza, nam ke ndasabela ndathi: ‘Ndikwenzele ntoni?’
8 Wathi kum: ‘Ungubani?’ Ndathi kuye: ‘NdingumAmaleki.’
9 Uthe kum ke: ‘Sondela undigqibezele. Ubomi bam sebungamacimi-cimi, kodwa andikaphelelwa.’
10 Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”
11 Wazikrazula izambatho zakhe uDavide, enjenjalo nawo onke amadoda awayekunye naye.