2 Kasamweli 22 XHO96

Ingoma kaDavide yoloyiso

1 UDavide wabhekisa lo mhobe *kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nasesandleni sikaSawule.

2 Wathi:NguNdikhoyo iliwa lam;nguye inqaba yam;nguye umkhuseli wam.

3 Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam;nguye ondigcina ndifihlakele.Nguye inqaba yam ephakamileyo;nguye isikhundla sam sokuzimela.Mhlanguli wam, nguwe ondisindisayo kumadoda anogonyamelo.

4 Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

5 Bendintlithwa ngamaza abulalayo,amaza arhaxayo endigubungele.

6 Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

7 Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;ewe, ndabiza kuThixo wam.Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.

8 Suka wagungqa wanyikima umhlaba,isibhakabhaka sangcangcazela,kuba uThixo wayenomsindo.

9 Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.

10 Wasikrazula isibhakabhakawehla engqendeve phezu kwelifu elimnyama.

11 Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko,itshebeleza ngesantya emoyeni.

12 Wayethiwe gqume sisithokothoko,kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula,

13 kutshawuza imibane ngaphambi kwakhe,kunga kuvutha amalahle.

14 Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,lavakala ilizwi loPhezukonke.

15 Wadubula ngeentolo zakhe,zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

16 Watsho zoma qoko iilwandle,kwatsho kwavela nezisekelo zelizwe,akukhalima yena uNdikhoyo,egragramela iintshaba enomsindo.

17 Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

18 Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

19 Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

20 Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

21 Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;wandithamsanqela kuba ndimsulwa.

22 Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

23 Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.

24 Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

25 Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.

26 Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

27 Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.

28 Ungumsindisi wabathobekileyo,obabone benekratshi ubathobe.

29 Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;nguwe ondigxothela ubumnyama.

30 Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

31 Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

32 NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo;

33 ewe, nguThixo oyinqaba yam;nguye oyenza iphumelele indlela yam.

34 Undicondobisa kuhle njengenxala,andichankcathise emaweni ndingatyibiliki.

35 Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

36 Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa;undibonelele ndatsho ndazimaseka.

37 Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

38 Ndizisukela ndizoyise iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.

39 Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apha phambi kwam.

40 Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.

41 Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

42 Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.

43 Mna ndizicumza zibe njengothuli,ndizinyhashe okodaka endleleni.

44 Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,walimisa igunya lam elizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

45 Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;bayandithobela bakuwuva umthetho wam.

46 Baphuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.

47 Huntshuu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!

48 Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zindikhahlele;

49 wena undihlangulakwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.

50 Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

51 NguThixo omnika uloyiso ukumkani,amenzele izibele umthanjiswa wakhe,uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24