2 Kasamweli 6 XHO96

Ukulandwa kwetyesi yomnqophiso

1 Ke kaloku uDavide waphinda wabiza awona magorha omkhosi wakwaSirayeli, amashumi amathathu amawaka ewonke,

2 waya nawo eBhali kwaJuda ukuya kulanda khona ityesi yomnqophiso kaThixo, enegama *likaNdikhoyo onamandla onke, ongqendeve phezu kwemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko.

3 Baya kwa-Abhinadabhi, omzi wawumi phezu kwentaba, bafika bayithatha bayilayisha enqwelweni entsha. Loo nqwelo yayiqhutywa ngooUza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi.

4 Ewe, ityesi yomnqophiso kaThixo bayithatha kwindlu ka-Abhinadabhi ephezu kwentaba, bahamba nayo uAhiyo ekhokele.

5 Babesombela, bexhentsa, bemathontsi ooDavide kunye namaSirayeli onke, bedumisa uNdikhoyo. Kwakubethwa iihapu neekatala, kuduma amagubu, kukhenkceza iintsimbi namacangci.

6 Bathi bakufika ngasesandeni sakwaNakon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wabamba ityesi kaThixo eyixhasa.

7 Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza ngenxa yeso senzo sakhe sokungahloniphi. Ke uThixo wambetha u-Uza wafela apho ngakuloo tyesi kaThixo.

8 Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kuthiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.

9 Wangenwa kukumoyika uNdikhoyo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ingeza njani na kum ityesi kaNdikhoyo?”

10 Akavumanga ke uDavide ukuba sayisa kwakhe kwisixeko sikaDavide ityesi kaNdikhoyo, suka wayijika wayisa endlwini kaObhedi-edom umGati.

11 Yahlala apho iinyanga zantathu; uNdikhoyo wamthamsanqela uObhedi-edom nomzi wakhe wonke.

12 Waxelelwa ukumkani uDavide kwathiwa: “Uwusikelele uNdikhoyo umzi kaObhedi-edom, nezinto zonke anazo, ngenxa yokugcina kwakhe ityesi kaThixo.” Waya kuyilanda ngemincili apho endlwini kaObhedi-edom ke uDavide ityesi kaThixo, wayisa esixekweni sikaDavide.

13 Kwakusithiwa loo madoda ayeyithwele ityesi kaNdikhoyo ehambe nje iinyawo zantandathu, uDavide athi makumiwe, enzele uNdikhoyo idini ngenkunzi yenkomo nangethole elityebileyo.

14 Wayexhentsa ngamandla phambi koNdikhoyo uDavide, ethe thande nje kuphela isidanga selinen esinqeni.

15 Yada yaya kungena eJerusalem ityesi kaNdikhoyo, uDavide namaSirayeli betsho ngentsholo lihlombe, kukhala nezigodlo.

16 Ekungeneni kwabo netyesi kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wayebukele ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa etyityimba phambi koNdikhoyo, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.

17 Bahamba nayo ityesi kaNdikhoyo, baya kuyifaka endaweni yayo kwintente eyenzelwe yona nguDavide. Emva koko ke uDavide wamenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelwane.

18 Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo onamandla onke.

19 Emva koko ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka, nesuntswana leedatile neleerasentyisi. Kwagodukwa ngumntu wonke.

20 Uthe akufika ekhaya uDavide, ezimisele ukusikelela indlu yakhe, umkakhe uMikali intombi kaSawule wamhlangabeza, wathi: “Ngxatsho ke, kumkani wamaSirayeli! Yini, wethu, awabi nazintloni ukuhamba ze nangaphambi kwezicakazana zamaphakathi akho? Ubunjengendlavini, yona ihamba izihluba nje naphi na!”

21 UDavide waphendula wathi kuMikali: “Mna into ebendiyenza bendidumisa uNdikhoyo ngokuya bendixhentsa, lo ndityunjwe nguye ukuba ndikhokele amaSirayeli endaweni kayihlo kunye nendlu yakhe. Ndiya kumdumisa uNdikhoyo,

22 yaye ndizimisele ukuqhubela phambili ukuba ngothobekileyo. Ungandidela wena, kodwa zona ezaa zicakazana zamantombazana zindihloniphile.”

23 Intombi kaSawule uMikali ayizange ibe nanzala de kwayimini yokufa kwayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24