2 Kasamweli 13 XHO96

UAmnon noTamare

1 Ke kaloku uDavide wayenonyana ogama linguAbhasalom, odade wabo yayinguTamare owayeyinzwakazi. Omnye woonyana bakaDavide ogama linguAmnon, usuke wayithanda le nzwakazi.

2 Wahlupheka uAmnon ngangokude agule ngenxa yodade wabo uTamare, kodwa kwakungekho nto anokuyenza kuye, kuba wayeyintombi engazani nandoda.

3 Phofu kwakukho mfo owayevana noAmnon, owayenguYonadabhi igama; wayengunyana kaShama ongumntakwabo-Davide. UYonadabhi lo wayengumfo onamacebo.

4 UYonadabhi wathi kuAmnon: “Ungunyana kakumkani, kodwa imihla nezolo akukhululekanga; khawutsho, kwenzeke ntoni?”“Hayi, ndifuna uTamare, lo ungudade bomntakwethu uAbhasalom,” utshilo uAmnon.

5 UYonadabhi wathi kuye: “Zenze umntu ongaphilanga, uye kulala. Uze uthi, akufika uyihlo eze kukubona, uthi kuye: ‘Nceda uthumele udade wethu uTamare, eze kundonga. Ndifuna aze kundilungiselela ukutya apha phambi kwam, andityise ngesakhe isandla.’ ”

6 Wazenza ogulayo ke uAmnon, waya kulala.Ukumkani waya kumvelela uAmnon, waza yena wathi kukumkani: “Bawo, ndicela uthumele uTamare udade wethu eze kundenzela amaqebengwane amabini ndijongile, andityise ngesakhe isandla.”

7 UDavide ke wathumela kuTamare ebhotwe esithi: “Khawuye endlwini yomnakwenu uAmnon, umenzele into etyiwayo.”

8 Waya ke uTamare endlwini ka-Amnon umntakwabo, wafika esemandlalweni. Wathatha umgubo waxova, wenza amaqebengwana ejongiwe nguAmnon,

9 wawakhupha epanini, wabeka phambi koAmnon, kodwa akatya.Uvakele uAmnon esithi: “Khupha wonke umntu okule ndlu!” Baphuma bonke abo bantu kuloo ndlu.

10 Uthe kuTamare uAmnon: “Zisa loo maqebengwana apha egumbini lam lokulala, undityise ngesakho isandla.” Wawathatha loo maqebengwana awenzileyo uTamare, wawasa kumntakwabo uAmnon egumbini lakhe lokulala.

11 Kuthe esamnika ukuba atye, wamthi hlasi, wathi: “Yiza silale, dade wethu.”

12 UTamare wathi kuye: “Hayi, mnakwethu, musa ukundinyanzela; ayenziwa into enje kwaSirayeli. Musukulenza eli nyala!

13 Khona, mna ndoba yintoni lihlazo lam? Wena kungathiwa usesona sithwangathwanga sakha sakho kwaSirayeli. Ndiyacela ke, thetha nokumkani. Ndiqinisekile uya kuvuma ukundendisela kuwe.”

14 Kodwa akazange afune ukuva uAmnon, waza wamnyanzela, walala naye, kuba wayenamandla kunaye.

15 Emva koko uAmnon wamcaphukela uTamare ngentiyokazi eyaba ngaphezu kothando abenalo kuye ngaphambili. Uvakele selesithi kuye: “Hamba; phum' apha!”

16 “Hayi, andiphumi,” utshilo uTamare. “Yhu, eli hlazo lokundigxotha lingaphezu koqale wandenza lona.”Akayihoyanga yonke loo nto uAmnon,

17 usuke wabiza isicaka sakhe, wathi: “Khupha le ntombazana, imke apha, uze utshixe wakugqiba.”

18 Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla.

19 Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo.

20 Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.

21 Wavutha ngumsindo ukumkani uDavide zakufika kuye ezo ndaba.

22 Yena uAbhasalom wamthiya uAmnon ngenxa yokudlwengula udade wabo, kangangokuba akazange aphinde afune nokuthetha oku naye.

UAbhasalom uyaphindezela

23 Emva kweminyaka emibini uAbhasalom waba netheko lokuhlinzeka abachebi bakwakhe. Wayelenzela eBhali-hazore engasemdeni welakwaEfrayim. Wayememele bonke oonyana bakakumkani kwelo theko.

24 Usuke waya kukumkani uDavide uAbhasalom, wafika wathi: “Mhlekazi, kuyachetywa phaya kwam, ke bendinqwenela ukuba umhlekazi namaphakathi akhe babekho kwitheko eliza kwenziwa.”

25 Ukumkani wathi kuAbhasalom: “Hayi, mfo wam, masingayi sonke, hleze wonganyelwe ngumsebenzi xa silapho sonke.” Waba ngacenga uAbhasalom, akavuma uDavide. Ndaweni yaloo nto suka wamndulula ngokumthamsanqela.

26 Ke uAbhasalom wathi: “Xa ungavumiyo wena, bawo, umntakwethu uAmnon ngewumkhulula yena ahambe nathi.”Ukumkani wathi kuye: “Ahambele ntoni nawe?”

27 Wacenga uAbhasalom, wada wavuma uDavide ukukhulula uAmnon ahambe noonyana bonke bakakumkani.

28 UAbhasalom wafika wayalela izicaka zakhe ngelithi: “UAmnon lo nize nimqaphele, nimbone ukuba seleyobile yiwayini, nimgwaze afe ndakutsho kuni ukuthi: ‘Mbulaleni uAmnon!’ Ze ningoyiki, kutsho mna, niyeva! Ze niqine, nikhaliphe.”

29 Hayi ke, izicaka zika-Abhasalom zenza ngokomyalelo wenkosi yazo uAbhasalom. Bonke oonyana bakakumkani bathi khwasu bakhwela iimbongolo zabo, babaleka.

30 Zafika kuDavide besesendleleni egodukayo ezo ndaba zithi: “UAbhasalom ubabulele bonke oonyana bakakumkani, akwasala noba abe mnye.”

31 Ukumkani wathi khwasu kwangoko, wakrazula izambatho zakhe, waqungquluza emhlabeni. Amaphakathi akhe onke nawo azikrazula ezawo izambatho emi ngakuye.

32 Kwesi sithuba kuvele uYonadabhi unyana kaShama umntakwabo-Davide, wathi: “Umhlekazi makangeva kusithiwa babulewe bonke oonyana bakhe; kufe uAmnon yedwa. Loo nto yenzeka kuba uAbhasalom wagqiba kwangalaa mhla uAmnon wadlwengula udade wabo ukuba uya kuze ambulale.

33 Ngoko ke umhlekazi makangazihluphi ngokucinga okokuba oonyana bakhe bafe bonke. Hayi, nguAmnon yedwa lo ufileyo.”

34 Ke yena uAbhasalom wabaleka wabhaca.Ke umlindi wabona ihlokondiba labantu lisihla intaba, lihamba ngendlela evela eHoronayim.

35 Waza uYonadabhi wathi kukumkani: “Khangela, nabaya besiza oonyana bakakumkani. Kunjengoko besitshilo isicaka sakho.”

36 Uthe esakhova nje ukuthetha, bagaleleka oonyana bakakumkani, basitsho isikhalo. Wangenelela ukumkani, amaphakathi nawo angenelela, bonke batsho ngesikrakra.

37 UAbhasalom wabalekela kuTalmayi, unyana ka-Amihudi, owayengukumkani waseGeshuri. UDavide wamzilela mihla le uAmnon unyana wakhe.

38 Ke yena uAbhasalom owayebalekele eGeshuri wahlala apho iminyaka emithathu.

39 Sakudlula isithukuthezi sokufelwa ngunyana wakhe uAmnon, ukumkani uDavide wanqwenela ukuya kumbona unyana wakhe uAbhasalom.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24