3 uze uye kukumkani, ufike umxelele le nto ndifuna uyithethe kuye.” Watsho emnika amazwi amakawathethe kukumkani.
4 Waya ke kukumkani loo mfazi waseTekowa, wafika wawa ngamadolo, ekhahlela, wathi: “Ndincede, mhlekazi!”
5 Ukumkani wathi kuye: “Ngaba ukhathazwa yintoni?”Uthe ukuphendula loo mfazi: “Mhlekazi, ndingumhlolokazi; ndibhujelwe yindoda.
6 Yaye bendinoonyana ababini. Ngenye imini baxabana besemadlelweni, kwathi ngenxa yokuba kwakungekho mlamli, balwa wabethwa wafa omnye unyana wam.
7 Ngoku ke, mhlekazi, abantu basemzini wam bonke bandivukele besithi: ‘Mnikezele lo ubulele umntakwabo, khon' ukuze sibuyekeze ukufa komntakwabo lo ambuleleyo, kungabi sabakho ndlalifa.’ Ewe, bafuna ukuyicima igama impunde ebesendijonge ukuba yiyo eya kuvusa igama likayise, ivuse nomzi wakowayo.”
8 “Kulungile, ungagoduka, ndiza kunika umyalelo ngokubhekiselele kuwo lo mcimbi,” utshilo ukumkani kuloo mfazi.
9 “Mhlekazi, nkosi yam, mayibe ndim kunye nabantu bakowethu abathwele ityala ngale nto; yena ukumkani kunye nolawulo lwakhe makabe msulwa,” uqokele watsho loo mfazi waseTekowa.