29 Ke uZadoki noAbhiyatare babuyela eJerusalem, bethwele ityesi yomnqophiso, baza bahlala apho.
30 UDavide wahamba elila ukunyuka kwakhe iNtaba yemiNquma, egqubuthele, engafakanga nto nasezinyaweni. Bonke ababehamba naye nabo babegqubuthele, behamba belila.
31 Waxelelwa uDavide kwathiwa: “Naye uAhitofele ukwicala labavukeli kunye noAbhasalom.” Ke uDavide wathandaza wathi: “Uzuwaphanzise, Ndikhoyo, amacebo ka-Ahitofele!”
32 Uthe uDavide xa aqabela encochoyini yenduli, efika apho kwakunqulwa khona, wafika elindelwe nguHushayi umArki, etsho ngezambatho ezikrazukileyo, intloko inomhlaba.
33 UDavide wathi kuye: “Akukho nto uya kundinceda ngayo xa uhamba kunye nam.
34 Kanti ke xa ubuyela kwasesixekweni uya kundinceda uphanzise amacebo ka-Ahitofele, ufike uthi kuAbhasalom: ‘Ndisisicaka sakho, mhlekazi kumkani! Bendifudula ndisisicaka sikayihlo, kodwa ngoku ndisisicaka sakho.’
35 UZadoki noAbhiyatare ababingeleli uya kufika bekho nako; uze uyixele kubo yonke intshukumo yakomkhulu.