3 ndiwazise kuwe onke amanye amadoda. Andithi mnye qha lo mntu ufuna ukumbulala, bonke abanye babuye bephila?”
4 Lavakala njengecebo eliphilileyo eli kuAbhasalom nakumadoda amakhulu akwaSirayeli xa ewonke.
5 Uthe uAbhasalom: “Khanibize kwanoHushayi umArki, silive nelakhe icebo.”
6 Uthe akufika uHushayi uAbhasalom wamchazela iqhinga lika-Ahitofele, waza wathi: “Utsho ke uAhitofele; uthini wena?”
7 UHushayi wathi kuAbhasalom: “Hayi, mhlekazi, kwesi sihlandlo kum ngathi alilihle iqhinga lika-Ahitofele konke.
8 Wazi kakuhle ukuba uyihlo uDavide neqela lakhe ngamadoda aqhele ukulwa, yaye bayakhwankqisa, ngathi yimazi yebhere inxakamela amathole ayo. Uwaqhelile amadabi uyihlo, ngoko ke akahlali ndawonye nomkhosi wakhe ebusuku.
9 Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’