5 Uthe uAbhasalom: “Khanibize kwanoHushayi umArki, silive nelakhe icebo.”
6 Uthe akufika uHushayi uAbhasalom wamchazela iqhinga lika-Ahitofele, waza wathi: “Utsho ke uAhitofele; uthini wena?”
7 UHushayi wathi kuAbhasalom: “Hayi, mhlekazi, kwesi sihlandlo kum ngathi alilihle iqhinga lika-Ahitofele konke.
8 Wazi kakuhle ukuba uyihlo uDavide neqela lakhe ngamadoda aqhele ukulwa, yaye bayakhwankqisa, ngathi yimazi yebhere inxakamela amathole ayo. Uwaqhelile amadabi uyihlo, ngoko ke akahlali ndawonye nomkhosi wakhe ebusuku.
9 Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’
10 Ndithi nawona madoda aziingonyama ukukhalipha aya kunkwantya, kuba kwaSirayeli uyihlo udume ngokulwa, yaye nomkhosi wakhe ngamagorha.
11 “Mna ke ndicebisa ukuba uwaqokelele onke amaSirayeli kulo lonke eli, ukususela kwaDan kuye kutsho eBheshebha, abe maninzi ngokungathi yintlabathi yaselwandle, uze uwakhokele wena ngenkqu ukuya edabini.