8 Wazi kakuhle ukuba uyihlo uDavide neqela lakhe ngamadoda aqhele ukulwa, yaye bayakhwankqisa, ngathi yimazi yebhere inxakamela amathole ayo. Uwaqhelile amadabi uyihlo, ngoko ke akahlali ndawonye nomkhosi wakhe ebusuku.
9 Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’
10 Ndithi nawona madoda aziingonyama ukukhalipha aya kunkwantya, kuba kwaSirayeli uyihlo udume ngokulwa, yaye nomkhosi wakhe ngamagorha.
11 “Mna ke ndicebisa ukuba uwaqokelele onke amaSirayeli kulo lonke eli, ukususela kwaDan kuye kutsho eBheshebha, abe maninzi ngokungathi yintlabathi yaselwandle, uze uwakhokele wena ngenkqu ukuya edabini.
12 UDavide yena somfuna apho azimele khona, simhlasele okombethe olele kwiindawo zonke, kungasindi namnye kuye nakuloo madoda onke anaye.
13 Uya kuba ngaya dolophini ithile, sifike nalapho singamaSirayeli, sithandele ngeentambo, sizitsale ezo ndonga zidilike, ziye kuthi didli ezantsi entilini, kude kungabikho nalinye ilitye apho.”
14 UAbhasalom namadoda onke akwaSirayeli bathi: “Icebo likaHushayi umArki lelona lilungileyo kunelika-Ahitofele.” Yayisisigqibo *sikaNdikhoyo kakade ukuba maliphanze icebo lika-Ahitofele, khon' ukuze aze kuhlelwa lishwangusha uAbhasalom.