25 Uthe akufika evela eJerusalem, wathi kuye ukumkani: “Mefibhoshete, kwakutheni ukuze ungahambi nam?”
26 Uphendule ngelithi uMefibhoshete: “Mhlekazi, nkosi yam, uyazi ukuba ndisisiqhwala. Ndathi isicaka sam uZibha masibophe idonki ndihambe ngayo ndikukhaphe, kodwa sona sasuka sandiphoxa.
27 Saza kuxoka ngam kuwe, mhlekazi. Kambe ke wena mhlekazi, nkosi yam, usisithunywa sikaThixo – yenza loo nto ubona ifanele.
28 Kwathi umzi kabawo umelwe kukubulawa, wena wathi mandiye kuhlala kwakho. Andisenako nokuba ndibe sacela isisa kuwe ngoku, mhlekazi.”
29 Ukumkani wathi kuye: “Musa ukuba sathetha; ndigqibe kwelokuba wena noZibha nahlulelane ngomhlaba kaSawule.”
30 UMefibhoshete wathi kukumkani: “Makakuthathe konke uZibha, mhlekazi. Mna ndixolile kukubona wena ubuyela ekhaya.”
31 UBhazilayi waseGiliyadi wayekho naye, evela eRogelim, eze kuphuthuma ukumkani eJordan.