13 Ngasechibini laseGibheyon bahlangana noJowabhi, owayezalwa nguZeruya. UJowabhi wayehamba namanye amaphakathi kaDavide. Bahlala phantsi bonke, elinye iqela likweli cala lechibi, elinye likweliya.
14 Wavakala uAbhinere esithi kuJowabhi: “Makhe sithelekise abafana, bakhuphisane ngokulwa sibukele.”UJowabhi wathi: “Kulungile, mabenze!”
15 Kwasuka ishumi elinambini labafana limele uIshbhoshete unyana kaSawule ngakwicala lakwaBhenjamin, baqubisana neshumi elinambini labafana becala likaDavide.
16 Umfana ngamnye wayebamba lowo akhuphisana naye entloko, amgwaze ngekrele ephangweni. Loo nto ke yatsho bafa kunye bonke. Loo ndawo ke eGibheyon kuthiwa yiHelekati-hazurim.
17 Kwavuka idabi elibi ngaloo mini, uAbhinere neqela lakwaSirayeli boyiswa ngamadoda ecala likaDavide.
18 Babelapho oonyana abathathu bakaZeruya: uJowabhi, noAbhishayi, kunye noAsayeli. Yayingengomendu kuAsayeli, wayeyimbabala.
19 Wasuka wangqala ngqo ngoAbhinere emleqa.