17 Kwavuka idabi elibi ngaloo mini, uAbhinere neqela lakwaSirayeli boyiswa ngamadoda ecala likaDavide.
18 Babelapho oonyana abathathu bakaZeruya: uJowabhi, noAbhishayi, kunye noAsayeli. Yayingengomendu kuAsayeli, wayeyimbabala.
19 Wasuka wangqala ngqo ngoAbhinere emleqa.
20 Akuthi krwaqu ngasemva uAbhinere wabona uAsayeli, wathi: “Ingaba nguwe lowo, Asayeli?”“Ndim kanye,” utshilo uAsayeli.
21 UAbhinere wathi: “Sukusukela mna, mfondini. Leqa, naliya ijoni, uthathe amaxhoba lawo liwaphetheyo.” Akayihoyanga loo nto yena uAsayeli, wasuka wee ngcembe emva koAbhinere.
22 Uphindile uAbhinere wathi kuAsayeli: “Mfondini, ndithi ndiyeke; sukundisukela. Ufuna ndide ndikwenzakalise? Khona ndingajongana njani nomntakwenu uJowabhi?”
23 Kodwa wala uAsayeli. Usuke uAbhinere wabinza ngasemva, wamthi gobho esiswini ngomkhonto, watsho waya kugqobhozela emqolo loo mkhonto. Wajuba wawa uAsayeli, wafela kuloo ndawo. Wonke umntu osondela kuloo ndawo wayefele kuyo uAsayeli, wayefika eme nematha.