21 Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;wandithamsanqela kuba ndimsulwa.
22 Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.
23 Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.
24 Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.
25 Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.
26 Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
27 Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.