24 Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.
25 Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.
26 Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
27 Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.
28 Ungumsindisi wabathobekileyo,obabone benekratshi ubathobe.
29 Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;nguwe ondigxothela ubumnyama.
30 Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.