3 Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam;nguye ondigcina ndifihlakele.Nguye inqaba yam ephakamileyo;nguye isikhundla sam sokuzimela.Mhlanguli wam, nguwe ondisindisayo kumadoda anogonyamelo.
4 Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!
5 Bendintlithwa ngamaza abulalayo,amaza arhaxayo endigubungele.
6 Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.
7 Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;ewe, ndabiza kuThixo wam.Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.
8 Suka wagungqa wanyikima umhlaba,isibhakabhaka sangcangcazela,kuba uThixo wayenomsindo.
9 Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.