39 Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apha phambi kwam.
40 Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.
41 Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.
42 Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.
43 Mna ndizicumza zibe njengothuli,ndizinyhashe okodaka endleleni.
44 Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,walimisa igunya lam elizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.
45 Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;bayandithobela bakuwuva umthetho wam.