8 Suka wagungqa wanyikima umhlaba,isibhakabhaka sangcangcazela,kuba uThixo wayenomsindo.
9 Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.
10 Wasikrazula isibhakabhakawehla engqendeve phezu kwelifu elimnyama.
11 Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko,itshebeleza ngesantya emoyeni.
12 Wayethiwe gqume sisithokothoko,kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula,
13 kutshawuza imibane ngaphambi kwakhe,kunga kuvutha amalahle.
14 Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,lavakala ilizwi loPhezukonke.