1 Nanku ke umyolelo kaDavide:Utsho uDavide unyana kaJese,itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,umthanjiswa kaThixo kaYakobi,iciko leengoma kwaSirayeli.
2 UMoya *kaNdikhoyo uthetha ngomlomo wam;ilizwi lakhe lisencakameni yolwimi lwam.
3 Uthethile uThixo kaSirayeli;iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi:“Lowo kumkani ulawula ngobulungisa,lowo ulawula esoyika uThixo,
4 uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu,lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula,lintshulise ingca emhlabeni.”
5 UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam,kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike,umnqophis' ongayi kwaphulwa,dinga elingagugiyo.Uya kuluphumelelisa usindiso lwam,awufezekise wonke umnqweno wam.
6 Kodwa amatshijolo ngamev' alahliweyo;ziinkuni ezingathezwayo ngokuhlaba.
7 Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi,okanye atyhalwe ngomphini womkhonto,atshiselwe kuloo ndawo akuyo.