1 Wabuya wavutha umsindo *kaNdikhoyo ngakumaSirayeli, waza waxhokonxa uDavide ukuchasana nawo, esithi: “Yiya uwabale amaSirayeli namaJuda.”
2 UDavide ukumkani uyalele uJowabhi umphathi-mkhosi owayekunye naye, wathi: “Zibale zonke izizwe zakwaSirayeli, ukususela kwaDan kuse eBheshebha, khon' ukuze ndilazi inani labantu.”
3 Ke yena uJowabhi wathi kukumkani: “Ngamana uNdikhoyo uThixo wakho wabandisa kalikhulu abantu, aze amehlo enkosi yam ukumkani ayibone loo nto. Kodwa ke, nkosi yam mhlekazi, ngani ukuba ufune ukwenza into enje?”
4 Kambe ke ilizwi likakumkani laboyisa ooJowabhi nabaphathi-mkhosi, baza ke bahamba bamshiya ukumkani, baya kubala uluntu lwakwaSirayeli.
5 Bawuwela umlambo iJordan, baya kuqalisa emazantsi eArohere kwisixeko esasisembindini wentlambo kummandla wakwaGati. Besuka apho baya emantla weYazere,
6 bedlulela eGiliyadi nakummandla waseTatim-hodeshe, baya kutsho kwaDan-yahan, benjenjeya ukusa eSidon.
7 Besuka apho bajonga emazantsi kwidolophu yaseTire eyayinqatyisiwe, baya badlulela nakuzo zonke iidolophu zamaHivi namaKanana, baya kugqibela ngeBheshebha ekumzantsi welakwaJuda.