1 Ke kaloku uDavide waphinda wabiza awona magorha omkhosi wakwaSirayeli, amashumi amathathu amawaka ewonke,
2 waya nawo eBhali kwaJuda ukuya kulanda khona ityesi yomnqophiso kaThixo, enegama *likaNdikhoyo onamandla onke, ongqendeve phezu kwemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko.
3 Baya kwa-Abhinadabhi, omzi wawumi phezu kwentaba, bafika bayithatha bayilayisha enqwelweni entsha. Loo nqwelo yayiqhutywa ngooUza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi.
4 Ewe, ityesi yomnqophiso kaThixo bayithatha kwindlu ka-Abhinadabhi ephezu kwentaba, bahamba nayo uAhiyo ekhokele.