13 Kwakusithiwa loo madoda ayeyithwele ityesi kaNdikhoyo ehambe nje iinyawo zantandathu, uDavide athi makumiwe, enzele uNdikhoyo idini ngenkunzi yenkomo nangethole elityebileyo.
14 Wayexhentsa ngamandla phambi koNdikhoyo uDavide, ethe thande nje kuphela isidanga selinen esinqeni.
15 Yada yaya kungena eJerusalem ityesi kaNdikhoyo, uDavide namaSirayeli betsho ngentsholo lihlombe, kukhala nezigodlo.
16 Ekungeneni kwabo netyesi kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wayebukele ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa etyityimba phambi koNdikhoyo, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.
17 Bahamba nayo ityesi kaNdikhoyo, baya kuyifaka endaweni yayo kwintente eyenzelwe yona nguDavide. Emva koko ke uDavide wamenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelwane.
18 Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo onamandla onke.
19 Emva koko ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka, nesuntswana leedatile neleerasentyisi. Kwagodukwa ngumntu wonke.