3 Baya kwa-Abhinadabhi, omzi wawumi phezu kwentaba, bafika bayithatha bayilayisha enqwelweni entsha. Loo nqwelo yayiqhutywa ngooUza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi.
4 Ewe, ityesi yomnqophiso kaThixo bayithatha kwindlu ka-Abhinadabhi ephezu kwentaba, bahamba nayo uAhiyo ekhokele.
5 Babesombela, bexhentsa, bemathontsi ooDavide kunye namaSirayeli onke, bedumisa uNdikhoyo. Kwakubethwa iihapu neekatala, kuduma amagubu, kukhenkceza iintsimbi namacangci.
6 Bathi bakufika ngasesandeni sakwaNakon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wabamba ityesi kaThixo eyixhasa.
7 Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza ngenxa yeso senzo sakhe sokungahloniphi. Ke uThixo wambetha u-Uza wafela apho ngakuloo tyesi kaThixo.
8 Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kuthiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.
9 Wangenwa kukumoyika uNdikhoyo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ingeza njani na kum ityesi kaNdikhoyo?”