9 Wangenwa kukumoyika uNdikhoyo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ingeza njani na kum ityesi kaNdikhoyo?”
10 Akavumanga ke uDavide ukuba sayisa kwakhe kwisixeko sikaDavide ityesi kaNdikhoyo, suka wayijika wayisa endlwini kaObhedi-edom umGati.
11 Yahlala apho iinyanga zantathu; uNdikhoyo wamthamsanqela uObhedi-edom nomzi wakhe wonke.
12 Waxelelwa ukumkani uDavide kwathiwa: “Uwusikelele uNdikhoyo umzi kaObhedi-edom, nezinto zonke anazo, ngenxa yokugcina kwakhe ityesi kaThixo.” Waya kuyilanda ngemincili apho endlwini kaObhedi-edom ke uDavide ityesi kaThixo, wayisa esixekweni sikaDavide.
13 Kwakusithiwa loo madoda ayeyithwele ityesi kaNdikhoyo ehambe nje iinyawo zantandathu, uDavide athi makumiwe, enzele uNdikhoyo idini ngenkunzi yenkomo nangethole elityebileyo.
14 Wayexhentsa ngamandla phambi koNdikhoyo uDavide, ethe thande nje kuphela isidanga selinen esinqeni.
15 Yada yaya kungena eJerusalem ityesi kaNdikhoyo, uDavide namaSirayeli betsho ngentsholo lihlombe, kukhala nezigodlo.