7 Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’
8 “Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.
9 Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni.
10 Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini na. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili,
11 ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kukwenza uphumle kuzo zonke iintshaba zakho.“ ‘UNdikhoyo utsho kuwe ukuthi nguye ngokwakhe oya kuyizinzisa indlu yakho.
12 Yakuphela imihla yakho, xa sewuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho oyinyama negazi lakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe.
13 Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam, ndiluzinzise ulawulo lombuso wakhe ngonaphakade.