20 Ngokomlomo kaMosis iHebron yanikwa uKalebhi, owagxotha izindlu ezintathu khona ezaziyinzala ka-Anaki.
21 Kodwa ke amaBhenjamin zange awagxothe amaJebhusi awayehlala eJerusalem – asemi khona ndawonye namaBhenjamin unanamhla.
22-23 Abendlu kaJosefu bahlasela iBhetele, ekwakusithiwa yiLuzi ngaloo maxesha. *UNdikhoyo wabanceda. Bathumela iintlola apho esixekweni,
24 zaza zabona indoda iphuma khona, zathi kuyo: “Sibonise indlela yokungena esixekweni. Ukuba uthe wenjenjalo asiyi kukwenzakalisa.”
25 Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela.
26 Emva koko yaya kwelamaHiti, yakha isixeko, yathi yiLuzi igama laso. Sisabizwa ngelo gama ke nangoku.
27 AmaManase zange azigxothe izizwe ezazihlala eBhete-shan, eTanaki, eDore, eIbleyam, eMegido, nakwiilali ezikufuphi nezi dolophu, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala apho.