Iinkokheli 14 XHO96

USamson nentombi yaseTimna

1 Ke kaloku uSamson wehla waya eTimna, waza ke apho wabona enye yeentombi zamaFilistiya.

2 Akugoduka wathi kuyise nonina: “Ndibone intombi yomFilistiya eTimna; ke ndithatheleni yona ibe ngumfazi wam.”

3 Uyise nonina bathi: “Ngani ukuba ude uye kuthatha umfazi kumaFilistiya angalukiyo? Bekungasekho zintombi na apha phakathi kwamawethu?”Kambe ke uSamson wathi: “Ndithatheleni yona, kuba ikuphela kwentombi endifaneleyo.”

4 Uyise nonina babengaqondi ukuba le nto inomnwe kaThixo; kaloku uThixo wayefuna isizathu sokulwa namaFilistiya. Ngelo thuba kaloku amaSirayeli ayephantsi kwamaFilistiya.

5 USamson wahamba noyise nonina, baya eTimna. Ngasezidiliyeni zaseTimna ke uSamson wabona igatyana lengonyama ligquma lisiza ngakuye.

6 Suka ke yena wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, waza ke waliqwenga ngathi uqwenga itakane lebhokhwe. Kambe ke akabaxelelanga abazali bakhe ngale nto.

7 Wahamba ke uSamson, waya kuthetha nentombi leyo, yaza ke yamkholisa.

8 Emva kwethutyana ke waya kuyithatha ibe ngumfazi wakhe. Apho endleleni ke wakha wacebuka, kuba efuna ukuqonda ngaloo ngonyama wayeyibulele. Suka ke wayifumana selilibubu leenyosi elinobusi.

9 Waphakula ubusi apho ke kuyo, wahamba ebutya; waphathela noyise nonina. Kambe ke akabaxelelanga ukuba ubusi obo ubuphakule kwisidumbu sengonyama.

10 Uyise ke waya apho ebukhozini bakhe, waza yena uSamson wenza umbhiyozo khona, njengoko elo yayilisiko ababeqhuba ngalo abafana.

11 Athe ke akumbona amaFilistiya athumela amashumi amathathu abafana ukuba abe kunye naye.

12 Ke uSamson wathi kubo: “Makhe ndinenzele iqhina. Ukuba nithe nanako ukulicombulula ngezi ntsuku zisixhenxe zomtshato, ndoninika iingubo zelinen ezimashumi mathathu, ngokunjalo nezinye iimpahla zokuhomba ezikwangako.

13 Kodwa ke ukuba anibanga nako ukulicombulula, niya kundinika amashumi amathathu eengubo zelinen, ngokunjalo nezinye iimpahla zokuhomba ezikwangako.”Ke bona bathi: “Yiza nalo sibone kaloku.”

14 Waza ke yena wathi:“Kwaphuma ukutya kotyayo,kwavela incasa konamandla.”Yada yaba ziintsuku ezintathu emva koko bengekalikhululi elo qhina.

15 Ngosuku lwesine ke bathethe nomtshakazi bathi: “Khawusincede ucenga-cengane nendoda yakho, ikuxelele eli qhina. Kungenjalo siza kuyitshisa le ndlu kayihlo, nitshele khona. Kakade ngaba nisimemele apha ukuze nisikhuthuze?”

16 Umtshakazi lowo waya selenyembezana kuSamson, wafika wathi: “Hayi, kucacile ukuba awundithandi, undithiyile! Usuka wenzele amawethu iqhina, kodwa mna akundixeleli ukuconjululwa kwalo!”Waphendula ke yena wathi: “Ndingathini ukuxelela wena ndingekabaxeleli utata nomama?”

17 Hayi ke, umtshakazi walilela umyeni wakhe zonke ezo ntsuku zomtshato. Wada woyisakala ngolu lwesixhenxe umyeni, wamxelela, kuba kucaca ukuba umhlalise manzondololwana. Ke umtshakazi lowo waya kuhlebela abafana bakowabo.

18 Ngoko ke ngosuku lwesixhenxe, lingekatshoni ilanga, abafana abo beza kuSamson, bafika bathi:“Yintoni engaphezu kobusi ngobumnandi?Iyintoni enamandla ngaphezu kwengonyama?”USamson ke waphendula wathi:“Ukuba beningalimanga ngethokazi lamngeningalicombululanga eli qhina.”

19 Ke kaloku uSamson wambeswa amandla nguMoya kaNdikhoyo, waza wehla waya eAshkelon. Apho ke wabulala amashumi amathathu amadoda, waza wayithatha impahla yawo, wayinika abo bafana babecombulule iqhina lakhe.Ke yena wagoduka evutha ngumsindo ngenxa yale nto ihlileyo.

20 Umkakhe lowo ke wathathwa ngumfana owayengumkhaphi, waba ngumfazi wakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21