Iinkokheli 4 XHO96

UDibhora noBharaki

1 Akuba engasekho uEhudi amaSirayeli aphinda akreqa *kuNdikhoyo.

2 Ngoko ke uNdikhoyo wawayekela oyiswa nguJabhin, ukumkani wamaKanana owayehlala eHazore. Injengele yomkhosi wakhe yayinguSisera owayehlala eHarosheti-hagoyim.

3 UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.

4 Ke kaloku umshumayelikazi uDibhora umka-Lapidoti waba yinkokheli kwaSirayeli ngelo thuba.

5 Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.

6 UDibhora wathumela wabiza uBharaki unyana ka-Abhinowam eKedeshe kwaNafetali. Wathetha naye wathi: “Nanku umyalelo ophuma kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli: Qokelela ishumi lamawaka amadoda kwaNafetali nakwaZebhulon, uhambe nawo uye kwintaba iTabhore.

7 Ke mna ndiya kumenza uSisera, injengele yomkhosi kaJabhin, eze kuwe kumlambo iKishon. Uya kuba exhobile, eneenqwelo namabutho akhe, kodwa ke ndiya kumnikela esandleni sakho.”

8 UBharaki ke waphendula wathi: “Kulungile, ukuba siza kuhamba kunye, kodwa ukuba akuyi wena, nam andiyi.”

9 Ke yena wathi: “Ewe, ukuhamba oku ndiya kuhamba, kodwa ke uze wazi ukuba udumo lwale mfazwe aluyi kuza kuwe, kuba uNdikhoyo uya kumnikela emfazini uSisera lowo.”Ngoko ke uDibhora waya eKedeshe ehamba noBharaki.

10 UBharaki wazibizela eKedeshe izizwe zakwaZebhulon nakwaNafetali. Wahamba neshumi lamawaka lamadoda, ekhatshwa nguDibhora.

11 Ngaloo mihla uHebhere umKeni wayemise intente yakhe eKedeshe kufuphi nomthi omkhulu wom-oki eZananim. Yena wafuduka kumawabo, inzala kaHobhabhi usibali kaMosis.

12 Akuxelelwa uSisera ukuba uBharaki unyana ka-Abhinowam unyuke intaba iTabhore,

13 wawuqokelela umkhosi wakhe, amakhulu alithoba eenqwelo, nawo onke amadoda akhe, wawakhupha eHarosheti-hagoyim, waya nawo kumlambo iKishon.

14 UDibhora ke wathi kuBharaki: “Phambili! UNdikhoyo uyakukhokela. Yiyo le imini amnikele ngayo esandleni sakho uSisera.” Wehla ke uBharaki apho entabeni iTabhore, enelo shumi lamawaka amadoda.

15 Akuhlasela uBharaki, uNdikhoyo wamtsho wadideka uSisera ndawonye naloo mkhosi wakhe uneenqwelo. USisera ke wehla kuloo nqwelo yakhe, wabaleka ngeenyawo.

16 Lo mkhosi uneenqwelo ke uBharaki wawusukelisa, wesa eHarosheti-hagoyim. Umkhosi kaSisera watshatyalaliswa wonke, akwasala nempunde le.

17 USisera wabalekela ententeni kaJayeli, umka-Hebhere umKeni, kuba ukumkani uJabhin waseHazore wayevana nendlu kaHebhere.

18 UJayeli waphuma wahlangabeza uSisera, waza wathi kuye: “Yiza, mhlekazi; ngena apha kwam, ungoyiki.” Wangena ke, waza uJayeli wamfihla ngaphaya komkhusane.

19 Wathi kuye: “Khawuncede undiphe amanzi; ndinxaniwe.” Ke yena wamthululela amasi entsubeni, wamnika wasela, waza waphinda wamqhusheka.

20 USisera wathi: “Yima emnyango. Xa kukho umntu obuzayo ukuba akungenanga ndoda na apha ententeni, yithi: ‘Hayi.’ ”

21 USisera wasuka wee yoyi bubuthongo. Ke yena uJayeli wathatha isando nesikhonkwane sentente, wachwechwa waya kuye, wafika wabethelela isikhonkwane eso entloko kuSisera, saza saya kuphumela kwelinye icala, wafa ke uSisera.

22 Wathi akufika uBharaki, esukela uSisera, uJayeli waphuma wamhlangabeza, wathi kuye: “Yiz' apha ndikubonise lo mntu umfunayo.” Wangena naye ke uBharaki, waza wamfumana uSisera edunduluze apho ententeni efile, isikhonkwane sentente sibethelelwe entloko.

23 Ngaloo mini ke uThixo amaSirayeli wawoyisela uJabhin ukumkani wamaKanana.

24 Amandla amaSirayeli aya esanda ngokwanda ukuba ngqongqo kuJabhin, ada amtshabalalisa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21