Iinkokheli 10 XHO96

UTola

1 Emva koAbhimeleki amaSirayeli akhululwa nguTola unyana kaPuwa umzukulwana kaDodo. Yena wayengowendlu kaIsakare, emi eShamire kweleentaba kwaEfrayim.

2 Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amabini nantathu. Akusweleka wangcwatyelwa eShamire.

UJayire

3 Emva koTola kwalandela uJayire waseGiliyadi. Wayeyinkokheli kwaSirayeli amashumi amabini anambini eminyaka.

4 Wayenoonyana abangamashumi amathathu, bonke bekhwele iidonki. Babenezixeko ezimashumi mathathu kwelo laseGiliyadi; nangoku ke kusathiwa ziidolophu zikaJayire.

5 UJayire wasweleka, waza wangcwatywa eKamon.

UJefta

6 Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.

7 Ngoko ke wavutha ngumsindo uNdikhoyo, amaSirayeli wawayekela oyiswa ngamaFilistiya nama-Amon.

8 Yaba yiminyaka esibhozo ezi zizwe ziwatshutshisa ziwacinezela amaSirayeli awayehlala phesheya kweJordan eGiliyadi kwelama-Amori.

9 Ama-Amon ada ayiwela iJordan, ahlasela kwelakwaJuda, kwaBhenjamin, nakwaEfrayim. AmaSirayeli ayekwenkulu inkxwaleko.

10 AmaSirayeli ke ada azibika kuNdikhoyo, athi: “Sikonile; sisuke sakufulathela, wena Thixo wethu, sanqula ooBhali.”

11 UNdikhoyo wawaphendula wenjenje: “Nangaphambili koku amaJiputa, ama-Amori, ama-Amon, amaFilistiya,

12 amaSidon, ama-Amaleki, namaMawoni, anicinezela, naza nazibika kum. Andithi na kanene ndanihlangula kuwo?

13 Nakuba kunjalo naphinda nandishiya, nakhonza thixo bambi; ngoko ke ngoku unakanye ukuba ndiphinde ndinihlangule.

14 Hambani niye kuzibika kwabo thixo nizikhethela bona. Mabanihlangule kaloku nakungena ezingxakini.”

15 AmaSirayeli ke athi kuNdikhoyo: “Siyasivuma isono sethu. Yenza kuthi ngokubona kwakho; kambe ke nceda usihlangule namhlanje.”

16 Asuke ke amaSirayeli abalahla oothixo basemzini, akhonza uNdikhoyo; waza ke yena wahlabeka ngenxa yokubandezeleka kwamaSirayeli.

17 Ke ama-Amon axhobela imfazwe, aza ahlanganisana eGiliyadi. Ke wona amaSirayeli ahlanganisana aza emisa eMizpa.

18 Ke kaloku amadoda amakhulu aseGiliyadi afakana imilomo esithi: “Ngaba ngubani oza kusikhokela silwe nala ma-Amon? Lowo uya kuba yintloko yethu sonke apha eGiliyadi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21