3 Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon.
4 Bahlasela ke abendlu kaJuda, uNdikhoyo wawanikela ezandleni zabo amaKanana namaPerezi, baza babulala ishumi lamawaka eBhezeki.
5 Apho ke bafumana uAdoni-bhezeki, balwa naye, bawaswantsulisa amaKanana namaPerezi.
6 Ke yena uAdoni-bhezeki wabaleka, baza bona bamsukela, bambamba, bamnqumla oobhontsi bezandla nabeenyawo.
7 UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.
8 Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo.
9 Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi.