13 Nakuba kunjalo naphinda nandishiya, nakhonza thixo bambi; ngoko ke ngoku unakanye ukuba ndiphinde ndinihlangule.
14 Hambani niye kuzibika kwabo thixo nizikhethela bona. Mabanihlangule kaloku nakungena ezingxakini.”
15 AmaSirayeli ke athi kuNdikhoyo: “Siyasivuma isono sethu. Yenza kuthi ngokubona kwakho; kambe ke nceda usihlangule namhlanje.”
16 Asuke ke amaSirayeli abalahla oothixo basemzini, akhonza uNdikhoyo; waza ke yena wahlabeka ngenxa yokubandezeleka kwamaSirayeli.
17 Ke ama-Amon axhobela imfazwe, aza ahlanganisana eGiliyadi. Ke wona amaSirayeli ahlanganisana aza emisa eMizpa.
18 Ke kaloku amadoda amakhulu aseGiliyadi afakana imilomo esithi: “Ngaba ngubani oza kusikhokela silwe nala ma-Amon? Lowo uya kuba yintloko yethu sonke apha eGiliyadi.”