11 Emva koIbzan uElon wakwaZebhulon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka elishumi.
12 Uthe ke akubhubha wangcwatywa eAyalon kwaZebhulon.
13 Emva koElon ke nguAbdon unyana kaHileli wasePiraton owaba yinkokheli kwaSirayeli.
14 Yena ke wayenoonyana abamashumi mane nabazukulwana abangoonyana abamashumi mathathu; babekhwele iidonki ezimashumi asixhenxe. Ke uAbdon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka esibhozo.
15 Uthe ke akusweleka wangcwatyelwa ePiraton kummandla kaEfrayim kweleentaba lama-Amaleki.