3 Ke uSamson wathi: “Okwesi isihlandlo ndimsulwa kuyo nayiphi na into endiyenza kumaFilistiya!”
4 Ke kaloku wahamba wabamba amakhulu amathathu eempungutye. Wazidibanisa ngemisila ngambini ngambini, ebophelela ukhuni olunevithi apho ekudibaneni kwemisila.
5 Ezo zikhuni wazintumeka ngomlilo, wazikhulula iimpungutye, zabalekela emasimini anengqolowa amaFilistiya. Ngale ndlela ke kwatsha izipha zengqolowa eseyivuniwe ngokunjalo neyayingekavunwa. Yatsha nemiyezo yediliya nomnquma.
6 Athe amaFilistiya akubuzisa esithi: “Ngubani owenze le nto?” afumanisa kusithiwa: “NguSamson; ucatshukiswe ngumkhwe wakhe, umfo waseTimna, ngokusuka anikezele umkakhe kumhlobo wakhe.” Ngoko ke amaFilistiya asuka amtshisa loo mfo nentombi leyo.
7 USamson wathi ke kuwo: “Oo! Niqhuba ngolu hlobo? Inene, ndiza kunithi chu ndide ndiziphindezele!”
8 Wawahlasela, wawabetha wawatshayela. Emva koko waya kuhlala emqolombeni e-Etam.
9 AmaFilistiya axhoba ada aya kumisa kwaJuda, ahlasela iLerhi.