8 Wawahlasela, wawabetha wawatshayela. Emva koko waya kuhlala emqolombeni e-Etam.
9 AmaFilistiya axhoba ada aya kumisa kwaJuda, ahlasela iLerhi.
10 Ke amadoda akwaJuda abuza athi: “Kutheni le nto nize kusihlasela?”AmaFilistiya aphendula athi: “Size kubamba uSamson; sifuna ukumvisa le nto asivise yona nathi.”
11 Kwaphuma amawaka amathathu amadoda apho kwaJuda, aya emqolombeni e-Etam, afika athetha noSamson, athi: “Ungathini ukusenza into enje? Akuyazi into yokuba siphantsi kwamaFilistiya?”Ke yena wathi: “Hayi, mna ndiwavise le nto ebendivise yona nawo.”
12 Ke wona athi: “Size kukukhonkxa, ukuze sikuse kumaFilistiya.”USamson wathi: “Fungani ukuba anizi kundilimaza ngokwenu.”
13 Aphendula ke wona athi: “Hayi, nakanye; nto nje sifuna ukukukhonkxa, sikunikezele kuwo.” Ngenene ke amqamangela ngeentsontelo ezimbini ezintsha, abuya naye apho emqolombeni.
14 Uthe ke akufika eLerhi, amaFilistiya eza kuye egxalathelana ekhwaza. Ke kaloku wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, zaza ezo ntsontelo wayebotshwe ngazo iingalo nezandla zaba ngathi ngumsonto ulenywa ngumlilo, zaza zakhululeka nezandla zakhe.