10 UMika wathetha naye ke, wathi: “Sowuhlala apha kum, ube ngumfundisi nombingeleli wam; ndiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva ngonyaka, ndawonye nempahla yokunxiba nokutya.”
11 UmLevi lowo ke wavumelana noMika, waza wahlala naye, waba njengonyana wakhe.
12 UMika wammisela waba ngumbingeleli wakhe, wahlala apho kwakhe.
13 UMika wathi: “Njengokuba umbingeleli wam engumLevi nje, ndiyazi ukuba uNdikhoyo uya kundithi jize ngenkqubela.”