15 Ke kaloku zangena kwaMika, apho wayehlala khona umfana womLevi, zafika zabulisa zabuza impilo.
16 Ke wona umkhosi omakhulu mathandathu amadoda, lowa wawuxhobe waf' amacala, wawuthe xonkxosholo esangweni.
17 Ezo ntlola zathi ngqo endlwini, zafika zathatha loo mfanekiso uqingqiweyo, nalowo utyhidiweyo, kunye nemilonde-khaya ndawonye nesidanga, ngeli lixa yena umbingeleli wayesesesangweni nomkhosi lowo.
18 La madoda ke athi akungena endlwini kaMika athatha imifanekiso leyo ndawonye nesidanga. Ke umbingeleli lowo wawabuza wathi: “Nenza ntoni?”
19 Ke wona amyala athi: “Yithi tu, ungabi sayiphatha! Yiza, uhambe nathi, ube ngumfundisi nombingeleli wethu. Awutsho wena ukuba kubhetele ube ngumbingeleli wenye yezindlu zikaSirayeli endaweni yokuba ube ngumbingeleli womzi womntu omnye?”
20 Eli cebo lamkholisa umbingeleli lowo, waza ke wasithatha isidanga nemifanekiso ikunye nalowo uqingqiweyo, wahamba namaDan lawo.
21 Loo madoda ke ajika ahamba. Abantwana bawo, iinkomo, nako konke okwawo, akubeka ngaphambili.