17 Ezo ntlola zathi ngqo endlwini, zafika zathatha loo mfanekiso uqingqiweyo, nalowo utyhidiweyo, kunye nemilonde-khaya ndawonye nesidanga, ngeli lixa yena umbingeleli wayesesesangweni nomkhosi lowo.
18 La madoda ke athi akungena endlwini kaMika athatha imifanekiso leyo ndawonye nesidanga. Ke umbingeleli lowo wawabuza wathi: “Nenza ntoni?”
19 Ke wona amyala athi: “Yithi tu, ungabi sayiphatha! Yiza, uhambe nathi, ube ngumfundisi nombingeleli wethu. Awutsho wena ukuba kubhetele ube ngumbingeleli wenye yezindlu zikaSirayeli endaweni yokuba ube ngumbingeleli womzi womntu omnye?”
20 Eli cebo lamkholisa umbingeleli lowo, waza ke wasithatha isidanga nemifanekiso ikunye nalowo uqingqiweyo, wahamba namaDan lawo.
21 Loo madoda ke ajika ahamba. Abantwana bawo, iinkomo, nako konke okwawo, akubeka ngaphambili.
22 Athe selemgama, uMika nabamelwana bahlab' umkhosi, baphuma besukelisa. Bathe bakusondela kumaDan apho
23 bawakhwaza. Ke wona ajika abuza kuMika athi: “Konakele phi? Ngowani lo mkhosi?”