20 Eli cebo lamkholisa umbingeleli lowo, waza ke wasithatha isidanga nemifanekiso ikunye nalowo uqingqiweyo, wahamba namaDan lawo.
21 Loo madoda ke ajika ahamba. Abantwana bawo, iinkomo, nako konke okwawo, akubeka ngaphambili.
22 Athe selemgama, uMika nabamelwana bahlab' umkhosi, baphuma besukelisa. Bathe bakusondela kumaDan apho
23 bawakhwaza. Ke wona ajika abuza kuMika athi: “Konakele phi? Ngowani lo mkhosi?”
24 UMika waphendula wathi: “Ningathini ukuthi: ‘Konakele phi?’ Nindohluthe oothixo bam endizenzele bona nombingeleli wam, nemka nabo! Ndosala nantoni mna?”
25 Ke amaDan aphendula athi: “Kubhetele ungabi sasingxolela, hleze la madoda anengcwangu akuhlasele. Xa inokwenzeka into enjalo, ungafa ndawonye nomzi wakho.”
26 Ke wona amaDan ahlabela mgama, ahamba. NoMika ke waqonda ukuba xa injalo ayingangaye, waza ke wajika wagoduka.