23 bawakhwaza. Ke wona ajika abuza kuMika athi: “Konakele phi? Ngowani lo mkhosi?”
24 UMika waphendula wathi: “Ningathini ukuthi: ‘Konakele phi?’ Nindohluthe oothixo bam endizenzele bona nombingeleli wam, nemka nabo! Ndosala nantoni mna?”
25 Ke amaDan aphendula athi: “Kubhetele ungabi sasingxolela, hleze la madoda anengcwangu akuhlasele. Xa inokwenzeka into enjalo, ungafa ndawonye nomzi wakho.”
26 Ke wona amaDan ahlabela mgama, ahamba. NoMika ke waqonda ukuba xa injalo ayingangaye, waza ke wajika wagoduka.
27 AmaDan ke akuba emthathile umbingeleli lowo ndawonye noothixo bakaMika, ahamba aya kuhlasela iLayishe, loo dolophu izole kunye nabantu bayo. Babatshabalalisa abemi bayo, ke yona idolophu bayitshisa.
28 Zange kubekho mhlanguli, kuba kaloku iLayishe le yayimgama eSidon, ibe ke nabemi bayo babengenamnqophiso nesinye isizwe. Ke iLayishe le yayimelene neBhete-rehobhi.AmaDan ke aphinda ayivusa loo dolophu, ema kuyo.
29 Igama layo elalisakuba yiLayishe alijika athi yiDan, eyithiya ngokhokho wawo unyana kaSirayeli.