27 AmaDan ke akuba emthathile umbingeleli lowo ndawonye noothixo bakaMika, ahamba aya kuhlasela iLayishe, loo dolophu izole kunye nabantu bayo. Babatshabalalisa abemi bayo, ke yona idolophu bayitshisa.
28 Zange kubekho mhlanguli, kuba kaloku iLayishe le yayimgama eSidon, ibe ke nabemi bayo babengenamnqophiso nesinye isizwe. Ke iLayishe le yayimelene neBhete-rehobhi.AmaDan ke aphinda ayivusa loo dolophu, ema kuyo.
29 Igama layo elalisakuba yiLayishe alijika athi yiDan, eyithiya ngokhokho wawo unyana kaSirayeli.
30 AmaDan amisa umfanekiso oqingqiweyo wawo, aza amisela uJonatan, unyana kaGershom umzukulwana kaMosis, wangumbingeleli wesizwe. Nenzala yakhe ke yaba ngababingeleli besizwe sakwaDan, de elo zwe lathinjwa.
31 Umfanekiso owawenziwe nguMika wahlala uhleli apho ke ngalo lonke ixesha isibingelelo sikaThixo sasisekho eShilo.