3 Lo mLevi ke wayilanda ngezicengo, khon' ukuze babuyelane. Wayehamba nesicaka sakhe kunye needonki ezimbini. Le ntombi ke yamazisa kowayo umLevi lowo, waza ke uyise akumbona wamamkela ngezishushu.
4 Uyise wentombi leyo wamnyanzelisa ukuba akhe ahlale umLevi lowo, waza ke wahlala iintsuku zantathu, besitya besela kunye.
5 Ngentsasa yosuku lwesine bavuka sebelungele ukuhamba. Ke uyise wentombi wathetha nomkwenyana, wathi: “Qala utye, uhlaziyeke, uze ke uhambe kamva.”
6 Bahlala ke umntu nomkhwenyana, batya basela. Usontombi lowo ke waphinda wacela umkhwenyana wathi: “Sowulala apha ngokuhlwanje, uzonwabise.”
7 Wathi umLevi lowo akufuna ukuhamba, uyise lowo wamcenga ukuba aselala apho ngobo busuku.
8 Ngentsasa yosuku lwesihlanu umLevi wavuka ezimisele ukuhamba, kodwa usontombi wathi: “Khawutye, ulinde kude kube semini noko.” Wahlala ke, batya bobabini.
9 Wathi ke umLevi nentombi leyo ngokunjalo nesicaka sebezimisele ukunduluka, uyise wabanqanda, esithi: “Amathunzi anabile, nokuhlwa sekusondele; masenilala. Hlalani nizonwabise, nize ninduluke kusasa ngomso ukugoduka.”