9 Wathi ke umLevi nentombi leyo ngokunjalo nesicaka sebezimisele ukunduluka, uyise wabanqanda, esithi: “Amathunzi anabile, nokuhlwa sekusondele; masenilala. Hlalani nizonwabise, nize ninduluke kusasa ngomso ukugoduka.”
10 Ngesi ke isihlandlo umfo lowo akavumanga ukuphinda alale. Wanduluka, ehamba enezo donki zimbini ezineesali kwakunye nomasihlalisane lowo, waya kugaleleka ngaseJebhusi. (IJebhusi ke yile iyiJerusalem namhla.)
11 Bakusondela eJebhusi imimi yayiselithambekile, saza isicaka sathi enkosini yaso: “Masesihlala apha eJebhusi, silalise khona.”
12-13 Kambe ke inkosi yaso leyo yathi: “Hayi, kaloku asinakulala apha kwisixeko sabantu basemzini abangengawo amaSirayeli. Masigqithele phambili, siye kulala eGibheya okanye eRama.”
14 Ngoko ke badlula apho eJebhusi. Kwathi xa lithi ndithenge, bagaleleka eGibheya kummandla wamaBhenjamin.
15 Baphambuka ke endleleni, besiya kulala khona. Bangena ke, baya kutsho ebaleni lembutho, kungekho mntu ubanika indawo yokulala.
16 Bathe beselapho kwathi gqi ixhego, livela emasimini. Lalingumngeneleli apho eGibheya, kodwa inkaba yalo ikweleentaba kwaEfrayim. Phofu ke abantu balapho yayingamaBhenjamin.