1 Isithunywa *sikaNdikhoyo saphuma eGiligali, saya eBhokim, saza sathi: “Ndanikhupha kwelaseJiputa, ndanizisa kweli lizwe ndabathembisa ngalo ooyihlo-mkhulu ngesifungo. Ndathi: ‘Andisoze ndiwaphule umnqophiso wam nani.
2 Ke nina ze ningaze nenze mnqophiso nabemi beli lizwe. Kufuneka niwadilize amaqonga abo amadini.’ Kambe ke anenzanga ngokwelizwi endalithethayo kuni. Yintoni le niyenzileyo?
3 Ngoko ke ndiyanazisa ukuba andiyi kuzigxotha ezi zizwe. Zona ke ziya kuba ngumgibe kuni, nirhintyelwe yindlela ezinqula ngayo *oothixo bazo.”
4 Sakuthetha la mazwi ke isithunywa sikaNdikhoyo, onke amaSirayeli asitsho isikhalo.