12 asuka amfulathela uNdikhoyo, uThixo wooyise-mkhulu, uThixo owawakhupha kwelaseJiputa. Asuka abusa *thixo bambi kwizithixo zabantu ababewangqingile. UNdikhoyo amcaphukisa ngokusuka akhahlele abuse ezo zithixo.
13 Amfulathela uNdikhoyo, asuka akhonza ooBhali nooAshtarte.
14 Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, amaSirayeli wawayekela ngeentshaba, zawahlasela ziwaphanga. Wazivulela macala onke, zawongamela, ada akaba nako ukuzikhusela.
15 Ayesithi xa ephumile aya edabini, uNdikhoyo awayekele, ngokomlomo wakhe. Kwathi ke kwakuba nje amaSirayeli abandezeleka kunene.
16 Noko ke uNdikhoyo amaSirayeli wawanika iinkokheli ezawasindisayo kwabo babewahlasela bewaphanga.
17 Kambe ke wona amaSirayeli zange azikhathalele ezo nkokheli. Ewe kaloku, uSirayeli suka waqhogana nathixo bambi endaweni kaNdikhoyo. Ooyise bona babeyithobele imiyalelo kaNdikhoyo, kodwa sona isizukulwana esitsha sisuke saphuma kwelo khondo.
18 UNdikhoyo ke wayesithi xa enika amaSirayeli inkokheli ayixhase iwahlangule amaSirayeli ezintshabeni ngalo lonke ithuba lokudla kwayo ubomi. UNdikhoyo wayeba nenceba, kuba ayenesingqala egogoza phantsi kweengcinezelo.