2 Ke nina ze ningaze nenze mnqophiso nabemi beli lizwe. Kufuneka niwadilize amaqonga abo amadini.’ Kambe ke anenzanga ngokwelizwi endalithethayo kuni. Yintoni le niyenzileyo?
3 Ngoko ke ndiyanazisa ukuba andiyi kuzigxotha ezi zizwe. Zona ke ziya kuba ngumgibe kuni, nirhintyelwe yindlela ezinqula ngayo *oothixo bazo.”
4 Sakuthetha la mazwi ke isithunywa sikaNdikhoyo, onke amaSirayeli asitsho isikhalo.
5 Ngenxa yaloo nto ke igama laloo ndawo kuthiwa yiBhokim. Khona apho uNdikhoyo amenzela amadini amaSirayeli.
6 Ke kaloku uYoshuwa amaSirayeli wawandulula. Indlu nganye yaya kuthatha esayo isabelo somhlaba esililifa layo.
7 Ngalo lonke ixesha esadla ubomi uYoshuwa, amaSirayeli ambusa amnqula *uNdikhoyo. Nasekufeni kwakhe aqhubela phambili amnqula lo gama esaphila amadoda amakhulu awayeyibone ngamehlo imimangaliso awayeyenzele amaSirayeli uNdikhoyo.
8 UYoshuwa, unyana kaNune, isicaka sikaNdikhoyo, wabhubha xa enekhulu elineshumi leminyaka ezelwe.