1 *UNdikhoyo washiya izizwe ezithile ukuze zibe luvavanyo kumaSirayeli awayengekangeni ezimfazweni kwelaseKanana.
2 Le nto ke wayenza kuba efuna ukuzifundisa ngemfazwe zonke izizukulwana zamaSirayeli ezivelayo, ngakumbi ke ezo zazingazange zibe semadabini ngaphambili.
3 Iintlanga ezasala kwelo lizwe ke yaba ngamaFilistiya neenkosi zawo ezintlanu, namaKanana ephela, namaSidon, namaHivi awayehlala kwiintaba zeLebhanon ukusuka kwintaba iBhali-hermon ukuya kuthi xhaxhe ngenkalo yeHamati.
4 Zashiyelwa ukuba kuvavanywe amaSirayeli, khon' ukuze acace ukuba azimisele na ukuyithobela imimiselo eyanikezelwa nguNdikhoyo kookhokho bawo ngoMosis.