21 Ngesandla sasekhohlo uEhudi warhola isabile yakhe apho wayeyifihle khona ethangéni lakhe lokunene, wayimilisela kweso sisu sikakumkani.
22 Yatshona yonke nywam nesiphatho sayo, yawagramza ayifihla loo mateketeke amanqatha. UEhudi wayiyeka apho, waza ke yena waya kuphuma ngasemva,
23 waluvala ucango, watshixa,
24 wemka. Izicaka ke zeza, zaza zakusondela zabona tyhini iingcango zitshixiwe, zacinga ukuba fana ukumkani ulapho ngaphakathi, ese.
25 Zakha zalinda umzuzu omde ucango lungavulwa. Zada zancama, zathatha izitshixo, zavula. Tyhini! Nanko umhlekazi ethe gangalala apho phantsi, itshoba lilel' umbethe.
26 Zathi zisathingaza izicaka zikakumkani, wesuka wemka yena uEhudi, waya kugqitha kuloo mifanekiso yezithixo, waya kutsho eSeyira.
27 Wathi akufika kweleentaba lakwaEfrayim wavuthela isigodlo, ahlangana amaSirayeli, wawakhokela wehla nawo kwezo nduli.