1 Akuba engasekho uEhudi amaSirayeli aphinda akreqa *kuNdikhoyo.
2 Ngoko ke uNdikhoyo wawayekela oyiswa nguJabhin, ukumkani wamaKanana owayehlala eHazore. Injengele yomkhosi wakhe yayinguSisera owayehlala eHarosheti-hagoyim.
3 UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.
4 Ke kaloku umshumayelikazi uDibhora umka-Lapidoti waba yinkokheli kwaSirayeli ngelo thuba.
5 Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.